Uluhlu lorhwebo lomfama wesikeyile esincinane
URHWEBO NGEZOLIMO
ISEBE: LEZOLIMO
iuPapashwe liSebe lezoLimo kwaye ifumaneka kwiZiko leZibonelelo, kwiCandelwana leeNkonzo zoLwazi lwezoLimo
iCandelwana:uRhwebo lwaseKhaya iNombolo yomNxeba: +27 12 319 6354
Urhwebo
Imveliso kufuneka iqhelaniswe norhwebo. Oku kuthetha ukuba kufuneka ufumanise ukuba yintoni efunwa ngumsebenzisi (efunekayo), uze uvelise (isitokhwe) loo mveliso uze uyithengise ufumane inzuzo.
Imfuneko nesitokhwe
Imfuneko kukuba abasebenzisi bazimisele ukuthenga kangakanani na ngexabiso elithile.
Isitokhwe yinto abavelisi abazimisele ukuyithengisa ngexabiso elithile.
Xa ixabiso linyuka abasebenzisi baya kuthenga kancinane, kodwa xa ixabiso lisezantsi bayakuthenga kakhulu okanye iintlobo ezahlukeneyo ezininzi zemveliso.
imfuneko
Isitokhwe
Inkqubo yorhwebo
Inyathelo loku-1
Yazi ukuba abasebenzisi bafuna ntoni kunye nabakukhethayo ngokwenza uphando lorhwebo.
Okubhalwe ngaphantsi kwamanani:
Ubulunga bubaluleke kakhulu. Kufuneka ingcamleke okanye ibukeke kakuhle!
Ubulunga bubaluleke kakhulu. Kufuneka ubenezininzi zokuthengisa.
Isitokhwe kufuneka sibe sininzi. Kufuneka ndisifumane qho kwaye ngexesha.
Umsebenzisi
Umlimi
Umthengisi iMarike i-arhente
Inyathelo lesi-2
Yazi ukuba yeyiphi kwezi zinto zithengiswayo efanele imveliso yakho.
Inyathelo lesi-3
Kucebe ukuveliswa kwemveliso.
Inyathelo lesi-4
Tyala isilimo ze usivune xa silungile.
Inyathelo lesi-5
Khetha ijelo lorhwebo elikufaneleyo kwaye apho ungenza inzuzo eninzi.
Okubhalwe ngaphantsi kwamanani:
Velisa isilimo
Thengisa imveliso ngenzuzo
Itsheyini yorhwebo
Itsheyini yorhwebo inoluhlu lwemisebenzi ukufumana imveliso kumlimi uyise kumsebenzisi.
Unokuxhamla ngokwengeza ixabiso kwiimveliso ukunyusa eyakho inzuzo ngokubandakanyeka ekuhlanjweni, ukupakisha, ukugcina, ukulungisa kunye nokuthengisa.
Ukuvelisa nokuvuna
Ukuthengisa
Iindleko zokuthengisa ziquka, uthutho, upapasho, kunye nogcino.
Ukugcina nokupakisha
Ukulungisa
Okubhalwe ngaphantsi kwamanani:
Ukunciphisa iindleko kwitsheyini ende yorhwebo unokusebenzisa ijelo elifutshane ngokuthengisela ngqo kumsebenzisi.
Abasebenzisi
I-arhente
Uthutho
Izinto zokupakisha
Ukongezwa kwexabiso ngokupakisha nokugcina de amaxabiso abe alungile kwenza ingeniso engaphaya.
Uthutho
Ukongezwa kwexabiso ngokulungisa kwenza ixabiso elingaphaya ngemveliso nganye ngoko ke oko kunyusa ingeniso.
Amanye amajelo orhwebo
Urhwebo lokuthengisa kwisango lefama
Umlimi uthengisela ngqo abathengi imveliso.
Umlimi uthengisela abasebenzisi kunye nabathengisi.
Urhwebo lwezinto ezisanda kuvunwa
Iintengiso zenziwa zii-arhente egameni lomlimi zize zifumane ikomishini. Ubulunga, ukupakisha kunye nokubekwa kubaluleke kakhulu kwaye imveliso kufuneka ibe ngendlela yemigangatho yokuhlelwa kunye nokupakishwa eyamkelekileyo.
Iintlanti zentengiso zemfuyo
Iintlanti zentengiso zemfuyo zinika inkonzo yorhwebo kubafuyi.
Okulungileyo
Akukho zindleko zothutho
Okungalunganga
Amaxabiso aphantsi
Okulungileyo
Iimarike ezinkulwana zinokusetyenziswa kakubi
Okungalunganga
Uthutho luyabandakanyeka
Okulungileyo
Amaxabiso aphezulu
Intabalala enkulu
Okungalunganga
Iindleko zothutho
Amaxabiso aphezulu emarike
Imingcipheko
Ukunqongophala kolwazi
Okulungileyo
Imarike inkulwana
Ixabiso elincinane eliqinisekisiweyo
Okungalunganga
Amaxabiso anokuba sezantsi kunamaxabiso "emarike"
Ukunqongophala kolwazi iFama ukuthutha
Abasebenzisi
Ivenkile ethengisayo
Urhwebo lwekontraki
Umfana uthengisa ngqo kumthengisi ngokwekontraki. Ukulunga, ubuninzi kunye namaxesha okuhambisa abaluleke kakhulu.
Urhwebo lomntu wonke
Umbutho womfama ngokuhlanganyelana urhweba ngesilimo kwimarike esesikweni.
Okulungileyo
Amaxabiso aqinisekisiwe
Okungalunganga
Isitokhwe samaxa onke iFama A
iFama B
iFama C
Uyibala njani inzuzo okanye ilahleko
Ubudlelwane phakathi kweendleko kunye nexabiso = inzuzo okanye ilahleko.
Okubhalwe ngaphantsi kwamanani
Ingeniso
Iindleko iNzuzo iLahleko
Ulwazi olunokusebenziseka loqhagamshelwano
ISebe lezoLimo
INombolo yomNxeba: 319 6000
iNombolo yomNxeba: 341 1115
iNombolo yomNxeba: 427 9700
INombolo yomNxeba: 
INombolo yomNxeba: 841 2649
INombolo yomNxeba: 832 1036
